Xhosa
ICANDELO 1
Yintoni umthetho wokuKhuthaza uLawulo lobuLungisa (iPAJA) ... 4
Yintoni isenzo sokulawula? ... 4
Kutheni le nto sidinga iPAJA? ... 7
Ndimele ukulindela ntoni xa ndifaka isicelo sento ethile? ... 8
Zicelwa njani izizathu? ... 9
Zeziphi ezi zizathu ziza kunikwa? ... 9
Ndingalindela ukuzifumana nini izizathu? ... 10
Zinakho ukunikwa ngomlomo izizathu? ... 10
Ndingenza ntoni xa ndinganelisekanga? ... 10
Zikhona ezinye izisombululo? ... 11
ICANDELO 2
Kutheni le nto kufuneka baziswe abantu ngePAJA? ... 14
Yintoni ekufuneka bayazi abantu? ... 14
Ingasetyenziswa njani le ncwadana? ... 15
Kuthekani malunga nokuqeqesha amalungu olawulo? ... 15
ICANDELO 1
isingeniso isingeniso
Umthetho wokuKhuthazwa koLawulo lobuLungisa (iPAJA) ngom-nye wemithetho ebaluleke kakhulu eMzantsi Afrika kuba uqinise-kisa ukuba ulawulo alufihlwa ebantwini. Le nto ke iyinxalenye yokukhula kolawulo lwesininzi okanye idemokhrasi. Ngokuse-benzisana noMgaqo siseko (ngakumbi iCandelo lama-33 - ilun-gelo lokufumana ulawulo lobulungisa olungenamkhethe) kunye neZimiselo zeBatho Pele, iPAJA iyinxalenye yenkqubo entsha, ejolise ekuqinisekiseni ukuba ulawulo lusekeleze ukufezekisa iminqweno yoluntu.
Iqinisekisa ulawulo oluhamba ngomgaqo nolungenamkhethe;
Inika abantu ilungelo lokucela izizathu; kwaye
Inika abantu ilungelo lokucela iinkundla zamatyala ukuba ziphinde ziqwalasele izigqibo ezingabanelisanga
Icandelo 1 lale ncwadana linika ulwazi malunga nePAJA kwaye icacisa ulwazi ekumele ukuba abantu babe nalo malun-ga nalo wthetho.
Icandelo 2 lona liqulethe ulwazi olunokuba luncedo kumbutho okanye iqumrhu olisebenzelayo ekuncedeni abantu. Likwa-fundisa licacisa ukuba ungenza ntoni ukuba ufuna ukuqinise-kisa ukuba abantu bayalufumana ulwazi olufanelekileyo ngalo mthetho.
Icandelo 1
Sisetyenziswa njani esi sikhokelo
Ekupheleni kwecandelo ngalinye uza kufumana isiqendwana es-iqaqambisa okanye esigxininisa ulwazi olubalulekileyo olunoku-funeka ebantwini. Olu lwazi lunokusetyenziswa xa ubani efuna ukuqulunqa iziphumo zezifundo xa mhlawumbi efuna ukufundisa abantu abathile malunga nalo mthetho. La manqaku azizitshixo zolu lwazi lufuneka kanye ekuncedeni uluntu. Kwakhona kukho amanye amanqaku olwazi akhanyisiweyo ngenjongo yokugxi-ninisa. La manqaku nesikhokelo angaluncedo xa wena ufuna ukujonga ukuba lingakanani na ixesha elithathwe kwinkqubo yokufaka isicelo phantsi kwemiqathango yePAJA.
ICANDELO 1
Yintoni umthetho wokuKhuthaza uLawulo lobuLungisa (iPAJA)?
UMqulu wamaLungelo oluntu woMzantsi Afrika uqinisekisa ukuba wonke umntu unelungelo "lezenzo zolawulo olunge-namkhethe" kubo bonke abantu boMzantsi Afrika. Eli lungelo (elikwiCandelo lama-33 loMgaqo Siseko) lithi wonke umntu eMzantsi Afrika unelungelo:
Lokufumana izenzo zolawulo olungenamkhethe, olufanelekileyo noluvumelekileyo ngokwasemthethweni;
Lokunikwa izizathu zezenzo zolawulo ezingamanelisiyo ubani okanye ezimchaphazela ngendlela egwenxa.
Eli Candelo kwakhona lenze ukuba uRhulumente aphumeze um-thetho ocacisa kakuhle zonke iinkcukacha zeli lungelo. Lowo ke ngumthetho wokuKhuthazwa koLawulo lobuLungisa (owesi-3 wama-2000)
Yintoni izenzo zolawulo?
Ulawulo luquka oku kulandelayo:
Onke amacandelo asebuRhulumenteni (aweendawo, awamaPhondo kunye nakaZwelonke) ;
Amapolisa, amagosa omkhosi
Nanini na xa ulawulo luthatha isigqibo esichaphazela amalungelo abantu, loo nto kuthiwa sisenzo solawulo.
UMZEKELO
Eminye imizekelo yile ilandelayo:
Ukufaka isicelo sencwadi yesazisi okanye i-ID okanye isicelo sesiqinisekiso sokuzalwa
Ukufaka isicelo soncedo lwemali yabo baqalayo ukuthenga imizi
Ukufaka isicelo semvume yokuba ngummi okanye ukuba ngumntu osebenza kweli
Ukufaka isicelo sokuvunyelwa ukuba ufake intloko ube yimbacu evela kwelinye ilizwe
Nangona kunjalo ke phofu, ngamanye amaxesha isigqibo esi-chaphazele kakuhle omnye umntu kungenzeka ukuba simchapha-zele kakubi omnye.
Ithi iPAJA abalawuli mabenze oku kulandelayo:
Mabalandele inkqubo engenamkhethe nefanelekileyo xa bethatha izigqibo
Mabavumele abantu ukuba bafumane uncedo babuye ba-ziswe phambi kokuba kuthathwe izigqibo ezinokuchapha-zela amalungelo abo ngendlela embi.
Babazise abantu ngeenkqubo zokubhena zangaphakathi kwiSebe elo basebenza kulo. Xa kungekho nkqubo yesibhe-no kwelo Sebe, kufuneka baxelele abantu ukuba bangasid-lulisela eso sigqibo kwinkundla yamatyala ukuze siqwalasel-
Baxelele abantu ukuba banalo ilungelo lokucela ukuba banikwe izizathu ezibhaliweyo ngezigqibo ezithathiweyo.
ICANDELO 1
Zeziphi ezi "nkqubo zingenamkhethe" kufuneka ukuba abalawuli bazilandele
Ukuze izenzo zabalawuli zibe "zifanelekile", iinkqubo abazilandelayo xa bethatha izigqibo kufuneka zingabi namkhethe. Nangona le ncwa-dana ithetha kuphela ngezigqibo ezithathwe ngomntu omnye, iPAJA in-ayo imigaqo ebhekiselele ekuthathweni kwezigqibo zithathelwa uluntu jikelele.
Izigqibo ezichaphazela umntu omnye
IPAJA ibeka imigaqo nemiqathango ekufuneka abalawuli bayilandele phambi kokuba bathathe isigqibo, nasemva kokuba besithathile
Phambi kokuba bathathe isigqibo, abalawuli mabanike abantu abana-malungelo anokuchatshazelwa kakubi seso sigqibo:
Isaziso esisiso ngako konke abaceba ukukwenza; kunye
Nexesha elaneleyo lokuba abantu bafune ulwazi noncedo baze bazithethelele
Abalawuli kufuneka baziqwalasele ezi zinto zithethwa ngaba bachaphazelekayo phambi kokuba bathathe isigqibo.
Emva kokuthatha isigqibo, abalawuli kufuneka banike nabani na ona-malungelo achaphazelekayo:
Isaziso ngelungelo lakhe lokudlulisela isigqibo kwinkqubo yokub-hena yangaphakathi okanye eyangaphandle;
Isaziso sokuba banelungelo lokucela izizathu zokuthathwa kweso sigqibo.
Nangona benganyanzeleka ukuba bakwenze oku, abalawuli banakho:
Ukunceda abantu abanamalungelo achaphazelekileyo;
Ukuvumela abantu ukuba bamelwe ligosa lomthetho/igqwetha;
Ukuvumela ukuba abantu baziphikise iingxoxo okanye ubungqina obunxamnye nabo beyeza loo nto ngomlomo okanye ngokubhali-
weyo.
Izigqibo ezichaphazela uluntu jikelele
Kukho iinkqubo ezingundoqo ezimbini:
Isaziso nenkcazelo. Kule nkqubo abalawuli kufuneka bakhuphe, bapapashe isaziso esithi thaca konke abaceba ukukwenza, babe becela nabantu ukuba bahlomle ngeso saziso. Kufuneka ukuba abalawuli bayiqwalasele le mi-hlomlo yabantu phambi kokuba bathathe isigqibo ngento abaza kuyenza.
Uphando kuluntu. Kule inkqubo kunyulwa umntu okanye isigqeba esithile ukuze bachophele izimvo neziphakamiso zabantu kwindibano yoluntu esidlangalaleni. Ezi ziphakam-iso zesidlangalala kufuneka zithathelwe ingqalelo phambi kokuba kuthathwe isigqibo.
Ngamanye amaxesha abalawuli baye bakhethe ukusebenzisa zombini ezi nkqubo zichazwe apha ngentla.
Kutheni le nto kufuneka ukuba sibe nePAJA?
Kwimihla yangaphambili, uRhulumente wayekholisa ukuthatha izigqibo ezichaphazela ubomi babantu engakhange azidube nokuziduba ngokubaxelela ukuba kwenzeka ntoni na. Ngokuthi thaca amalungelo abanawo abantu iPAJA ijonge ukuqinisekisa ukuba abalawuli baphethe ngokungenamkhethe kwaye bayaba-zisa abantu ngezigqibo zabo nangezizathu zokuthatha ezo zigqi-bo. Kwakhona, iPAJA ivumela ukuba abantu banike ezabo izimvo phambi kokuba kuthathwe isigqibo. Ngaloo ndlela ke iPAJA iq-inisekisa ukuba ulawulo lusebenza ngendlela esekuhleni, kwaye lusebenzela ukuzimela izenzo zalo. Kwakhona iPAJA ikwaqinise-kisa ukuba izigqibo zithathwe ngendlela efanelekileyo. Umzeke-lo, isigqibo somlawuli esibonakala sinomkhethe okanye sisekelwe kwizizathu ezingenasihlahla, sinakho ukubekelwa ecaleni.
ICANDELO 1
Ndingalindela ntoni xa ndifake isicelo sento ethile?
Ngenxa yoncedo lwePAJA, abantu ngoku bangalindela oku kulandelayo:
Ukuvunyelwa ukuba banike elabo icala lebali, limanyel-we liqwalaselwe phambi kokuba kuthathwe isigqibo (nale into kusenokungabi lula ukuyenza)
Ukuxelelwa ukuba sithini na isigqibo, baxelelwe nangenkqubo yangaphakathi yokubhena okanye ukuphinda kuqwalaselwe eso sigqibo.
Ukuxelelwa ukuba banelungelo lokucela izizathu ezibhaliweyo;
banikwe ezo zizathu; kwaye banelungelo lokusiphikisa eso sigqibo enkundleni yamatyala.
UMZEKELO
Ukuba umntu ufaka isicelo sokufumana isibonelelo senkam nkam, kufuneka alazi ilungelo lakhe lokuba athi, kwangaphambili kokuba kuthathwe isigqibo sokugqibela, axelelwe ukuba uza kuyifumana okanye akazi kuyifumana na loo nkam nkam. Ukuba isicelo sakhe siza kukhatywa kufuneka anikwe ithuba azithethelele umzekelo, anike iinkcukacha ezinokuba luncedo nebezingajongwanga ng abachopheli besicelo. Ukuba isicelo sisakhatywa nangoku, ubani lowo unelungelo lokufuna izizathu ezibhaliweyo ezicacisa ukuba kutheni kuthathwe eso sigqibo sokukhaba isicelo sakhe nje. Ukuba lo mceli ucinga ukuba esi sigqibo asilunganga, unelungelo loku-faka isibheno nakwesiphi na isigqeba sokubhenela kwiPhondo ey-enzeka kulo le nkqubo. Ukuba nalapho akaphumeleli, unakho uku-cela ukuba inkundla yamatyala isichophele ngokwayo isicelo eso.
Ndingazicela nini izizathu?
Nabani na unakho ukucela ukunikwa izizathu ezibangele uku-ba kuthathwe isigqibo esichaphazela kakubi amalungelo ache. Ngamanye amaxesha ezi zizathu zinokumxhobisa umceli atsho akwazi ukusiguqula isigqibo sabalawuli.
Ngokwezimiselo zePAJA izizathu ezibhaliweyo azimele kulinda de zicelwe. Ukuba kwenzeke ukuba angazinikwa umntu iziza-thu, kufuneka azicele kwisithuba seentsuku ezingama-90 emva kokuba esifumene isigqibo sabalawuli.
Zicelwa njani izizathu?
Indlela yokucela izizathu zokuthathwa kwezigqibo inikiwe kwimigaqo nemimiselo yePAJA. Izicelo kufuneka:
Zibhalwe;
Umceli makaxele ukuba sesiphi esi sigqibo afuna izizathu zaso;
Axele ukuba utsho ngazizathu zini na ukuba isigqibo asifanelekanga
Axele ukuba ngawaphi na amalungelo ache acinga ukuba acinezelwe (ayinyanzelekanga le ndawo)
Le mbalelwano ingahanjiswa ngeposi, nge-imeyile, ngefeksi, kanti ingasiwa nangesandla.
Ukuba ubani akakwazi ukubhala makacele umhlobo wakhe, isizalwane sakhe, okanye umncedi onolwazi ngomthetho, ukuba bamncede. Imigaqo iyatsho nokuthi abalawuli nabo banakho ukubanceda abantu abangakwaziyo ukubhala. Ngoko ke umn-
ICANDELO 1
tu angaya kule ofisi ithathe isigqibo sokukhaba isicelo sakhe acele uncedo lokubhalelwa isicelo sakhe.
Zeziphi izizathu eziza kunikwa?
IPAJA ithi abalawuli mabanike izizathu "ezibambekayo". Libalulekile kakhulu eli gama lithi "ezibambekayo". Abalawuli abanakuvela bathi bacingile ngombandela wesicelo baza bafikelela kwisigqibo. Ukuba umceli onesicelo esikhatyiweyo ubuza imibuzo ngesi sigqibo, yonke imibuzo yakhe kufuneka iphendulwe. Ngokufutshane, abalawuli ku-funeka babeke inkcazelo eyanelisayo exhasa izenzo zabo. Kubal-ulekile ukuba,
Ndingalindela ukuzifumana nini izizathu?
IPAJA ithi izizathu mazinikwe kwisithuba seentsuku ezingama-90 emva kokuba abalawuli besifumene isicelo.
Zinganikwa ngomlomo izizathu?
Impendulo yalo mbuzo imfutshane kwaye ngu "hayi". IPAJA itsho phandle ukuba izizathu kufuneka zibhalwe phantsi. Phofu ke xa iz-izathu ezinikwe ngomlomo zimanelisa umceli, akukho ngxaki apho. Noxa kunjalo, kububulumko ukuba athi nokuba umceli wanelisiwe zizizathu azinikwe ngomlomo, acele ukuzinikwa zibhaliwe ukwen-zela ukuba xa kungakho ingxaki ngenye imini, akwazi ukuba no-bungqina bokuba izizathu zazisithini na.
Kuza kuthekani ukuba andikaneliseki nangoku?
Amanye amaSebe anenkqubo yangaphakathi yezibheno. Xa ikhona inkqubo yangaphakathi yezibheno kufuneka ilandelwe phambi kokuba kwenziwe nantoni na.
UMZEKELO
ISebe leMicimbi yezeKhaya inayo iBhodi yeziBheno esekelwe ukumamela izibheno malunga nesimo sabemi bamanye amazwe abaze kucela ukufihla intloko kweli, kuba bebaleka ezibatshisayo kumazwe abo. Abalawuli Bokuchophela Isimo Sabangcucalazi nabaziwa ngegama lesiNgesi njengee 'Refugee Status Determination Officers' bathatha izigqibo malunga nezicelo zabantu abacela ukubhacela kweli xa kungahlakeli kumazwe abo ngenxa yeemeko ezinganyamezelekiyo. Ukuba saliwe isicelo sakhe ngaba balawuli, lo mceli ubhena kule Bhodi.
Xa kungekho nkqubo yezibheno kweli Sebe sibe isicelo sisakhaty-wa nangoku, ubani lowo unelungelo lokufuna izizathu ezibhali-weyo ezicacisa ukuba kutheni kuthathwe eso sigqibo sokukhaba isicelo sakhe nje. Ukuba lo mceli ucinga ukuba esi sigqibo asi-lunganga, unelungelo lokufaka isibheno nakwesiphi na isigqeba sokubhenela kwiPhondo eyenzeka kulo le nkqubo. Ukuba nalapho akaphumeleli, unakho ukucela ukuba inkundla yamatyala isichoph-ele ngokwayo isicelo eso.
Imiqathango yexesha
Xa kuza kulandelwa inkqubo yesibheno sangaphakathi, lo mcimbi kufuneka uchotshelwe kwisithuba seentsuku ezili-180 okanye iin-yanga ezintandathu emva kokuba kuvenwe ukuba umceli uza kub-
hena. Xa ingekho inkqubo yokubhena yangaphakathi, lo mcimbi kufuneka usiwe kuqwalaselo olutsha kwisithuba seentsuku ezili-180 okanye iinyanga ezintandathu icacile inkqubo eza kulandelwa.
Qaphela
Xa kukho inkqubo yesibheno kwelo Sebe, le nkqubo yokuqwalasel-wa ngokutsha kwesicelo inexesha elimisiweyo nekungafanele ukuba ligqithe.
ICANDELO 1
Ingaba zikhona ezinye iindlela zokunceda?
Njengayo nayiphi na inkqubo yenkundla ukusa umcimbi ematy-aleni kunokubiza imali eninzi kakhulu. Ngethamsanqa ke zikho iindlela ezibiza kancinci xa kuchotshelwe izigqibo ezingabonwa-bisanga amantu.
Izibheno Zangaphakathi
AmaSebe namaqumrhu amaninzi kaRhulumente aneekomiti zezib-heno zangaphakathi. Zingasetyenziswa ezi komiti xa umntu efuna ukubhena kwaye amaxesha amaninzi azibizi mali, zisebenza si-mahla.
Endaweni ehlala abantu
Abantu bangenza nje:
Bakhangele i-ofisi yasebuRhulumenteni yoluntu lwendawo enokubanceda;
Bakhalaze kuCeba weNdawo, kuMEC wePhondo kwelo Sebe lichaphazelekayo.
Ukuba isibheno sangaphakathi asiphumeleli, unakho ukucela ukuba inkundla yamatyala isichophele ngokwayo isicelo eso. Esi sicelo kufuneka sichotshelwe kwisithuba seenyanga ezintandathu emva kokungaphumeleli kwesibheno. Qaphela ukuba iPAJA ine-miqathango engqongqo ngale miqathango yexesha. iinyanga ez-intandathu emva kokuwa phantsi kwesibheno okanye emva kwee-nyanga ezi-6 sakuba sikhutshiwe isaziso sokuba ubani uza kufaka isicelo sokuchot-shelwa ngokutsha kwinkundla yamatyala. Ukuze ingalityalwa imiqathango yexesha elimisiweyo kufuneka iiNGO neeCBO ziz-ihoye ngokukhawuleza iingxelo zemicimbi eziziswe kuzo.
Ileta eya kuMphathiswa okanye uMlawuli Jikelele. Bhalela kuMphathiswa okanye uMlawuli Jikelele
Fumanisa ukuba ngowuphi uMphathiswa ophethe elo Sebe, umbhalele ileta okanye ubhalele uMlawulo Jikelele uchaze ingxaki yakho.
Umkhuseli Woluntu
Apho kubonakala ngathi kubekho ubuqh-inga xa kuthathwa isigqibo, ungacela ukuba uMkhuseli Woluntu akuncede. Le nkonzo ayi-hlawulelwa. Ungamtsalela umnxeba simahla uMkhuseli Woluntu kule nombolo yasimahla 0800 112 040.
IKhomishini/Iziko loMzantsi Afrika lamaLungelo oluNtu (iSAHRC)
Ungacela uncedo kwiSAHRC. Ukuba baya-vuma, baya kukunceda simahla. Batsalele umnxeba kule nombolo 011 484 8300.
IBhodi yoNcedo lwasemThethweni namaZiko obuLungisa
Ukuba kukho iZiko lobuLungisa kwingingqi yakho uya kufumana simahla uncedo. Uku-ba alikho eli Ziko, cela igosa lezoNcedo lwasemThethweni kwiNkundla yamaTyala ekufuphi kuwe. Eli gosa liza kukufunela um-meli womthetho (igqwetha) emalikuncede. Ungatsalela umnxeba kwiBhodi yonCedo lwasemThethweni esePitoli kule nombolo
401 9200 okanye uye kwii-ofisi zale Bhodi kwiNkundla Yamatyala ekufuphi kuwe.
Ndingathini ukuba andinikwa zizathu?
Faka isibheno sangaphakathi kwiSe-be elo - onke amaSebe anenkqubo yesibheno yangaphakathi; okanye cela inkundla ukuba iphinde isiqwalasele isigwebo
ICANDELO 2
ICANDELO 2
Kutheni le nto kufuneka baziswe abantu ngePAJA?
UMzantsi Afrika unembali endle yenkonzo yoluntu ebifudula ingeyonkonzo esemgangathweni, apho izinto bezisenziwa ngokusekhusini, kufihlwa ulwazi ebantwini. Le nto yakhokelela ekubeni ingathenjwa le nkonzo ngabantu. Xa abantu babefaka izicelo zeemvume zokuqhuba amashishini babesoloko bexelel-wa ukuba izicelo zabo aziphumelelanga, kodwa bengaxelelwa izizathu zokuwa kwezicelo zabo.
Ngoku siyazi ukuba ulawulo lolokukhonza uluntu. Yiyo le nto kuthethwa nge"nkonzo yoluntu". Yayifudula ijongeka ngathi ayijolisanga ekukhonzeni uluntu le nkonzo, nabalawuli babengathi abaziqondi ukuba baqeshelwe loo nkonzo. Wonke umntu unalo ibali okanye amabali awakhumbulayo eemini zokukhathazeka emphefumlweni ngenxa yenkonzo yoluntu efe amanqe.
Kubalulekile ukwazi ngePAJA kuba le nkqubo:
Ikhusela amalungelo abantu;
Iqinisekisa ulawulo oluhamba ngomgaqo nolungenamkhethe;
Inika abantu ilungelo lokucela izizathu; kwaye
Yintoni ekufuneka bayazi abantu?
Abantu bamele ukuyazi imigaqo ebekelwe abalawuli nanini na xa bethatha izigqibo ezichaphazela abantu. Amanqaku anikwe kwicandello 1 aza kukunceda ukuze uyazi le migaqo.
Isetyenziswa njani le ncwadana?
Njengokuba imibutho emininzi inika uncedo olunxulumene nezomthetho okanye ezisondele emthethweni, ncedo olo ilunika abantu ababefudula bengenamalungelo , umthetho ubacinezele, unomkhethe, le ncwadana ingaluncedo ekuphuculeni indlela umbutho wenu osebenza ngayo; kwaye
Inokusetyenziswa ukufundisa uluntu, ukusasaza ulwazi ngomThetho kubantu ngokubanzi. Le nto iyanceda ukubaxhobisa abantu ukuze balwele amalungelo abo.
Abasebenzi bee NGO nee CBO kufuneka bayifunde le ncwadana ukuze babone ukuba iPAJA iwuchaphazela njani na umsebenzi wabo. Ukuba umbutho uqhele ukuncedana nabantu abafaka izicelo zenkam nkam ze bafumane iingxaki, ulwazi olukule ncwadi ukumncedisa onengxaki al-andele inkqubo yokuqinisekisa amalungelo ache , ngokucela izizathu, ukufaka isibheno, njalo njalo.
Kuthekani malunga nokuqeqesha amalungu olawulo?
Le ncwadana inika ulwazi ngendlela Ipaja ebuchaphazela ngayo ubomi babantu abafana nam nawe kwaye ayifanelekanga ekuqeqesheni ab-alawuli. Abalawuli bona bafanelwe luqeqesho oluthe vetshe kanobom kwaye abapheleli ekufundisweni ngePAJA qha, baqeqeshwa nangendle-la yokuthatha izigqibo, ukubhala iileta nezaziso , nokubhala izizathu njengoko uMthetho ubeka.
ICANDELO 2
liqhuba uqeqesho lokuxhobisa amagosa olawulo. Ukuxhasa eli linge, kupapashwe ezi ncwadana zilandelayo: (Zipapashwe ngesiNgesi, ngoko ke siza kuzidwelisa ngesiNgesi izihloko zazo)
Ukuba usafuna olunye ulwazi
Nceda unxibelelane neSebe Lezobulungisa noPhuhliso loMgaqo Siseko kwidilesi ekwiqweqwe elisemva lale ncwadana ukuba ungathanda:
Ulwazi ngephulo lokuqeqesha abalawuli; okanye
Ukuba ufuna ulwazi oluhlaziyiweyo lwemiGaqo yomThetho, nceda uye kwesi siza:
I-ofisi YoMkhuseli woLuntu
IKhomishini/Iziko LoMzantsi Afrika lamaLungelo oluNtu (iSAHRC)
IBhodi yoNcedo lwasemThethweni namaZiko obuLungisa
